Judges 2:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sada sonke esosizukulwana naso sabutelwa kubo oyise baso. Kwaye kuvuka isizukulwana simbi emva kwabo, esibe singamazi uyehova, kwa nomsebenzi abewenzele o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye sonke eso sizukulwana sasuswa kooyise, kwaza kwavela esinye isizukulwana emva kwaso, awayengasazi uYehova okanye imisebenzi awayeyenzele uSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sakuba sitshonile sonke eso sizukulwana, kwavela sizukulwana simbi, singamaziyo uNdikhoyo, ngokunjalo naloo misebenzi yakhe wayeyenzela amaSirayeli.