Judges 2:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli, owabanikela esandleni sabatimbi ababatimbayo, wabatengisa esandleni sentshaba zabo ezingqongayo, bada ababi senakuma ebusweni bentshaba zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha umsindo kaYehova ngoonyana bakaSirayeli, waza wabanikela esandleni sabaphangi ababaphangayo, waza wathengisa ngabo esandleni seentshaba zabo ezazibajikelezile, ukuze bangabi saba nakuma phambi kweentshaba zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, amaSirayeli wawayekela ngeentshaba, zawahlasela ziwaphanga. Wazivulela macala onke, zawongamela, ada akaba nako ukuzikhusela.