Judges 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Apo kusukuba bebepumela kona, isandla sikayehova besingakubo bube bububi, njengokuba uyehova ebetshilo, nanjengokuba uyehova ebefungile kubo; bada baxinezeka kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi akuphuma esiya naphi, sasuka isandla sikaYehova sawachasa ngobubi, njengoko wakuthethayo uYehova, njengoko wawafungelayo; abandezeleka kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Naphi na apho aya khona, isandla sikaYehova saba nxamnye nawo ngobubi, kanye njengoko wakuthethayo uYehova nanjengoko wayewathethile ngesifungo uYehova; bakhathazeka kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ayesithi xa ephumile aya edabini, uNdikhoyo awayekele, ngokomlomo wakhe. Kwathi ke kwakuba nje amaSirayeli abandezeleka kunene.