Judges 2:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni uyehova wabavuselayo abagwebi, wandula uyehova wanaye umgwebi, wabasindisa esandleni sentshaba zabo yonke imihla yomgwebi: ngokuba uyehova ebenosizi ngako ukutswina kwabo ngenxa yabancinezeli babo nababandezeli babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabazisa abagwebi, uYehova waba naloo mgwebi, wabasindisa esandleni seentshaba zabo yonke imihla yaloo mgwebi; ngokuba uYehova wayenovelwano ngabo, walila ngenxa yabacinezeli bawo wabacaphukisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wayesithi xa enika amaSirayeli inkokheli ayixhase iwahlangule amaSirayeli ezintshabeni ngalo lonke ithuba lokudla kwayo ubomi. UNdikhoyo wayeba nenceba, kuba ayenesingqala egogoza phantsi kweengcinezelo.