Judges 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU akuba u‐Yoshuwa ebendulule abantu, lwaya usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye elifeni lalo, ukuya kufuya ilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku okuya uYoshuwa wabandululayo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa ebantwini ukuba bahambe; baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balidle ilifa ilizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uYoshuwa amaSirayeli wawandulula. Indlu nganye yaya kuthatha esayo isabelo somhlaba esililifa layo.