Judges 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abantu bamkonza uyehova yonke imihla ka‐Yoshuwa, nayo yonke imihla yabadala ababesidla ubomi kade emva kwo‐Yoshuwa, ababebonile wonke umsebenzi omkulu kayehova, abewenzele o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa nayo yonke imihla yamadoda amakhulu awayesaphila emva koYoshuwa, awayeyibona yonke imisebenzi emikhulu kaYehova awayeyenzele amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngalo lonke ixesha esadla ubomi uYoshuwa, amaSirayeli ambusa amnqula *uNdikhoyo. Nasekufeni kwakhe aqhubela phambili amnqula lo gama esaphila amadoda amakhulu awayeyibone ngamehlo imimangaliso awayeyenzele amaSirayeli uNdikhoyo.