Judges 20:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanjalo socapula ishumi lamadoda ekulwini, kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, nekulu ewakeni, newaka emawakeni alishumi, ukuya kutabatela abantu ukutya, ukuba bati, bakufika e‐Gibeha yakwa‐Benjamine, benze ngako konke okuhlazekileyo ababekwenzile kwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siya kuthabatha amadoda alishumi kwikhulu ezizweni zonke zakwaSirayeli, nekhulu ewakeni, ewakeni, eshumini lamawaka, ukuba aye kubalungiselela abantu ukudla, abaya kukwenza ekufikeni kwabo eGibheha kwilizwe lakwaBhenjamin.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isishumi samadoda akwaSirayeli siya kuthwala ukutya komkhosi, aze ke amanye la aye kohlwaya iGibheya ngenxa yesi senzo sayo sobuyatha isenzileyo kwaSirayeli.”