Judges 20:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku kupani lomadoda, usapo lwobunginingini, ase‐Gibeha, ukuze siwafise, sikwelelise inkohlakalo kwa‐Sirayeli. Koko usapo luka‐Benjamine belungavumi ukupulapula ilizwi labazalwana balo usapo luka‐Sirayeli:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Abavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku sinike la madoda, oonyana bakaBheliyali, baseGibheya, ukuze siwabulale, sisuse ububi kwaSirayeli. Abavuma oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula ilizwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke zikhupheni ezo ndlavini zaseGibheya, sizibulale, silihlambe eli nyala kwaSirayeli.” Kambe ke amaBhenjamin zange awahoye amazwi athethwa ngamawabo amaSirayeli.