Judges 20:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa usapo luka‐Benjamine lwabutwa ezixekweni zonke lwaya e‐Gibeha, ukuze lupumele ukulwa nosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin emizini yaseGibheha, ukuba balwe noonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaweni yaloo nto amaBhenjamin aphuma kuzo zonke izixeko zawo, ahlangana eGibheya, aza aya kulwa namaSirayeli.