Judges 20:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza lwabalwa usapo luka‐Benjamine ngomhla lowo luvela ezixekweni, lungamadoda angamawaka amashumi mabini anamatandatu ar̔ola iṙele, ngapandle kwabemi base‐Gibeha, ababebalwa bengamadoda anyuliweyo angamakulu asixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babalwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwayo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha babhaliswa oonyana bakaBhenjamin ezixekweni amadoda angamashumi amabini anesithandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheya, ababengamakhulu asixhenxe amadoda anyuliweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini akhupha amashumi amabini anesithandathu amajoni kuzo zonke izixeko zawo. Ngaphezu koko abemi baseGibheya bakhupha amajoni akhethiweyo angamakhulu asixhenxe,