Judges 20:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza lwesuka usapo luka‐Sirayeli lwenyuka lwaya endlwini katixo, lwabuza kutixo, lwati: Ngubanina oya kusinyukela ngokuqala, ukuya kulwa nosapo luka‐Benjamine. Wayesiti uyehova: u‐Juda wonyuka ngokuqala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyuke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke oonyana bakaSirayeli bazilungisa baza benyuka baya endlwini yoTHIXO oyinyaniso baza bacela icebiso kuThixo, bathi: “Ngubani na kuthi oya kunyuka kuqala aye kulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Konyuka kuqala uYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amaSirayeli aya eBhetele, aza abuza kuThixo athi: “Yiyiphi na indlu emayiqale ukuhlasela uBhenjamin?” *UNdikhoyo ke wathi: “Mayibe nguJuda.”