Judges 20:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwandula lwenyuka lwonke usapo luka‐Sirayeli, nabo bonke abantu, lwaya endlwini katixo, lwalila, lwahlala kona pambi kwoyehova, lwazila ukutya ngalomini kwada kwahlwa, lwanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo pambi kwoyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benyuka bonke oonyana bakaSirayeli, bonke abantu, baya eBheteli, balila, bahlala khona phambi koYehova, bazila ukudla loo mini kwada kwahlwa, banyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke bonke oonyana bakaSirayeli nabo bonke abantu benyuka baya endlwini yoTHIXO oyinyaniso balila baza bahlala phantsi phambi koYehova baza ngaloo mini bazila ukutya kwada kwangokuhlwa baza banikela iminikelo etshiswayo neyombulelo phambi koYehova. NKOSI.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aphuma ke onke amaSirayeli, aya kulila eBhetele. Ahlala apho phambi koNdikhoyo, akuzila ukutya kwada kwahlwa. Enza amadini atshiswayo, ngokunjalo nawobudlelwana, esenzela uNdikhoyo.