Judges 20:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabuza kuyehova, (ngokuba ibilapo ityeya yocebano lukatixo ngalomihla,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova (yayikhona ityeya yomnqophiso kaYehova ngaloo mihla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, ngokuba ityeya yomnqophiso kaThixo ibilapho ngelo xesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha ke ityesi yomnqophiso yayilapho eBhetele. Ke uPineyasi unyana kaElazare umzukulwana ka-Aron yayinguye umbingeleli apho. AmaSirayeli ke aphinda abuzisa kuNdikhoyo, athi: “Ngaba masiye ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin, okanye masincame?” UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Phakathi! Ngomso ndiza kunithi jize ngoloyiso!”