Judges 20:28 — Compare Translations
3 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
no‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone, wema pambi kwayo ngalomihla,) lusiti: Ndiya kupinda kanjako ukupuma ukuya kulwa nosapo luka‐Benjamine umzalwana wam, ndiyeke kusinina? Wayesiti uyehova: Nyukani; ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uPinehasi unyana kaElazare, unyana ka-Aron, emi phambi kwayo ngaloo mihla), besithi, Ndibuye ndiphinde, ndiphume ndiye kulwa noonyana bakaBhenjamin umzalwana wethu, ndiyeke, kusini na? Wathi uYehova, Nyukani, ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni senu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uPinehasi unyana kaElazare, unyana ka-Aron, wema ngakuye, wathi, Ndibuye ndiphume ndiye kulwa noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam, ndiyeke, kusini na? Wathi uYehova, Nyuka; ngokuba ngomso ndiya kubanikela esandleni sakho.