Judges 20:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza usapo luka‐Benjamine lwapumela ngakubo abantu, lwar̔olwa esixekweni; lwasuka lwaqala ukubeta nokubulala ebantwini, njengakuwo amanye amaxesha, emendweni, owati omnye wenyuka waya endlwini katixo, wati omnye waya e‐Gibeha ezindle, anga angamashumi matatu amadoda akwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma oonyana bakaBhenjamin, baya kubahlangabeza abantu, beqhawukene nomzi. Baqala ukubulala ebantwini njengokweminye imihla, emendweni, othi omnye unyuke uye eBheteli, uthi omnye uya eGibheha emaphandleni, bahlaba amadoda kwaSirayeli, akumashumi amathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphuma oonyana bakaBhenjamin, baya kubakhawulela abantu, bafuduswa kuwo umzi; Baxabela abantu, bababulala njengokwangaphambili, ezindleleni, ezinyukayo ziye endlwini kaThixo, enye isiya eGibheha emaphandleni, bengamadoda angathi amashumi amathathu akwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaBhenjamin aphuma ukuhlangabeza, ada asishiya isixeko. Njengezolo ke akhe ageqa apho kumaSirayeli kuloo mathafa nakwindlela eya eBhetele neya eGibheya. Kwafa amashumi amathathu amaSirayeli.