Judges 20:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusiza ngakuyo i‐Gibeha amawaka alishumi amadoda anyuliweyo kuwo onke ama‐Sirayeli; kwaza ukulwa kwaba nzima: kodwa ama‐Benjamine ebengazi ukuba ububi buwafikele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwavela malungana neGibheha ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke; ukulwa kwashushu; babengazi bona ukuba ububi bubafikele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwafika ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke, eGibheha; idabi lalinzima; babengazi bona ukuba ububi bubafikele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IGibheya ke yahlaselwa lishumi lamawaka angoompondo-zihlanjiwe, bekhethwe kuSirayeli ephela. Hayi ke, yaba yinkwa nenkwa, phofu yena uBhenjamin engaqondi ukuba namhlanje ihlile intlekele.