Judges 20:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo usapo luka‐Benjamine lwabona ukuba lwoyisiwe: ngokuba amadoda akwa‐Sirayeli ebenike indawo kuma‐Benjamine, ngokokuba ebetembela kubalaleli abebabekile ngakuyo i‐Gibeha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ukuba amadoda akwaSirayeli ayehlehla phambi kwamaBhenjamin, ngokuba abekholose ngabalaleli ababebabeke eGibheha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ngenxa yokuba amadoda akwaSirayeli azinikela koonyana bakaBhenjamin, ngenxa yokuba ayekholose ngamaxoki awayehlala kufuphi neGibheya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke uBhenjamin waqonda ukuba woyisiwe. Umkhosi wamaSirayeli wahlehla, kuba ukholose ngalowo wawulalele kufuphi neGibheya uzimele.