Judges 20:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yapendula indoda engum‐Levi, indoda yomfazi obebulewe, yati: Ndafika e‐Gibeha, eyakwa‐Benjamine, mna neshweshwe lam, kuze kulaliswe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula umLevi, indoda yaloo mbulali, wathi, Ndifikile eGibheha yakwaBhenjamin, mna nesithende sam, ukuba ndilale khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UmLevi omfazi wayegetyengiwe wachaza wathi: “Ndihambe nowakwam, ndaya kutsho kwaBhenjamin eGibheya, ndisiya kulalisa khona.