Judges 20:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza isiqumo saqala ukunyuka esixekweni ngentsika yomsi; ati ama‐Benjamine abeka ngasemva kwawo, kekaloku bona ke, isixeko sipela senyuka ngomsi ngasezulwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakuba umsi uqalile ukunyuka emzini, ungumqulu womsi, amaBhenjamin abheka emva kwawo, nango umzi wonke unyuka usiya ezulwini ungumsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esixekweni kwilifu lomsi, babheka emva kwabo oonyana bakaBhenjamin, bawubona umzi unyuka usiya ezulwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kweso sithuba ke wasuka wavela umqondiso; suka kwavela umpokophela womsi, wathunquza uphuma apho esixekweni. Athi ke akujonga amaBhenjamin abona isixeko sawo singamalangatye nje!