Judges 20:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati akujika amadoda akwa‐Sirayeli, andula etuswa amadoda akwa‐Benjamine; ngokuba ebebona ukuba ububi buwafikele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphethula amadoda akwaSirayeli, akhwankqiswa amadoda akwaBhenjamin; ngokuba abona ukuba afikelwe bububi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abuya amadoda akwaSirayeli, othuka amadoda akwaBhenjamin, ngokuba abona ukuba ewelwe bububi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka ke amaSirayeli aguquka, ke wona amaBhenjamin asuka azizithwanga-thwanga, kuba eqonda ukuba ihlile intlekele.