Judges 21:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula intlanganiso yatumela kona amadoda angamawaka alishumi linamabini, kuwo amadoda obuṙoti, yawayalela ngokuti: Hambani, nibabete abemi base‐Yabeshe‐gileyadi ngohlangoti lweṙele, kwa nabafazi nabantwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ibandla lathumela khona ishumi elinamabini lamawaka amadoda kubafo abanobukroti, lawawisela umthetho, lisithi, Hambani niye kubulala abemi baseYabheshe yaseGiliyadi ngohlangothi lwekrele, abafazi nabantwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ibandla lathumela khona ishumi elinamabini lamawaka amadoda anobukroti, lawawisela umthetho, lisithi, Hambani niye kubulala abemi baseYabheshe yaseGiliyadi, ngohlangothi lwekrele, kwanabafazi nabantwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ibandla lakhupha ishumi elinambini lamawaka amajoni angoompondo-zihlanjiwe, lawayalela ukuba aye eJabheshe, afike abulale wonke umntu nomfazi nomntwana lo wembala.