Judges 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abadala bentlanganiso bati: Siya kwenza nto nina ukuba abaseleyo babe nabafazi? ngokuba amankazana etshatyalalisiwe kwa‐Benjamine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi amadoda amakhulu ebandla, Siya kubathini na abaseleyo ngabafazi, etshabalele nje amankazana kwaBhenjamin?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi amadoda amakhulu ebandla, Siya kubathini na abaseleyo abafazi, xa etshatyalalisiwe abafazi bakwaBhenjamin?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke amadoda amakhulu athi: “Njengokuba betshatyalalisiwe nje abafazi kwaBhenjamin, sothini ukuyifumanela abafazi inxalenye yawo?”