Judges 21:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa tina asingenike kubo abafazi kwintombi zetu; ngokuba lufungile usapo luka‐Sirayeli, ngokuti: Makaqalekiswe onikayo umfazi ku‐Benjamine!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke thina asinakubanika bafazi ezintombini zethu; ngokuba oonyana bakaSirayeli bafungile besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke thina asiyi kubanika abafazi beentombi zethu, ngokuba bafungile oonyana bakaSirayeli, besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa thina ngokwethu asinako ukuyendisela iintombi zethu, njengoko senze isifungo sathi: ‘Nabani na owendisela intombi yakhe kwaBhenjamin uqalekisiwe.’