Judges 21:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomnye umhla, bavuka abantu kusasa, baka kona isibingelo, banikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemini elandelayo abantu bavuka ekuseni baza bakha isibingelelo apho baza benza iminikelo etshiswayo neyombulelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa elandelayo ke amaSirayeli akha iqonga apho, aza enza amadini atshiswayo kunye namadini obudlelwane.