Judges 21:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati: Ngubanina onganyukanga pakati kwomhlambi, kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuza kuyehova? Ngokuba bekwenziwe isifungo esikulu ngalowo onganyukeli kuyehova e‐Mitsipa, kusitwa: Uya kufiswa ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga aye kuYehova nebandla? Ngokuba bamfungele isifungo esikhulu onganyukanga aye kuYehova eMitspe, besithi, Inene, uya kubulawa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abuzana athi: “Ngaba kukho indlu na yakwaSirayeli engazange iye kwimbizo esasinayo phambi koNdikhoyo eMizpa?” (Kaloku amaSirayeli ayenze isifungo esingqongqo, athi: “Nabani na ongayanga embizweni eMizpa uya kubulawa.”)