Judges 21:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
siya kubenzela nto nina ukuba abaseleyo babe nabafazi? ngokuba tina sifungile uyehova, ukuba singabaniki intombi zetu zibe ngabafazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
siya kubathini na abaseleyo ngabo abafazi, sifunge uYehova nje thina, ukuba asiyi kubanika ezintombini zethu zibe ngabafazi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siya kubathini na abo baseleyo nabafazi, ekubeni thina sifungile uYehova ukuba asiyi kuwanika iintombi zethu zibe ngabafazi bawo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nithi makuthiweni ukuze la maBhenjamin aseleyo azuze abafazi? Kaloku sabhambathisa phambi koNdikhoyo sathi asisoze siwendisele iintombi zethu.”