Judges 21:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza lwati: Sisipina kuzo izizwe zo‐Sirayeli esinganyukelanga kuyehova e‐Mitsipa? Kekaloku bona ke, bekungezanga mntu emnqubeni evela e‐Yabeshe‐gileyadi ukuza emhlambini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke, Sisiphi na isizwe sakwaSirayeli esinganyukanga size kuYehova eMizpa? Nanko ke eYabheshe yaseGiliyadi kungezanga ndoda eminqubeni ebandleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ke, Ngubani na ezizweni zakwaSirayeli onganyukanga aye kuYehova eMizpa? Nanko ke kungekho mntu eminqubeni yaseYabheshe eGiliyadi, emva kwentlanganiso leyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abuza ke amaSirayeli athi: “Ngaba kukho ndlu na ingazange iye eMizpa?” Afumanisa ukuba kwakungekho mntu waseJabheshe yaseGiliyadi.