Judges 3:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zizo ezi intlanga wabezisalisa uyehova, ukuba abalinge ngazo o‐Sirayeli: (kwa bonke ababengazanga zonke imfazwe zase‐Kanane;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zizo ezi iintlanga awazishiyayo uYehova, ukuze awalinge oonyana bakaSirayeli, oonyana bakaSirayeli bonke ababengazazi zonke iimfazwe zakwaKanan;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo washiya izizwe ezithile ukuze zibe luvavanyo kumaSirayeli awayengekangeni ezimfazweni kwelaseKanana.