Judges 3:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye umoya kayehova ebepezu kwake, waza wagweba o‐Sirayeli, wapuma ukuya kulwa: wati uyehova wamnikela esandleni sake u‐Kushane‐rishatayime, ukumkani we‐Mesopotami, ukuba isandla sake saba namandla pezu kwo‐Kushane‐rishatayime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushan-rishatayim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoya kaYehova waba phezu kwakhe, wabakhokela oonyana bakaSirayeli, waphuma waya kulwa kwaye isandla sakhe samoyisa iKusan-Risatime.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uOteniyeli wonganyelwa nguMoya kaNdikhoyo, waza waba yinkokheli yamaSirayeli. UOteniyeli waya emfazweni, wathiwa jize ngoloyiso nguNdikhoyo, wamoyisa ukumkani uKushan-rishatayim waseAram.