Judges 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
LWAZA usapo luka‐Sirayeli lwapinda ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; ngako uyehova wamomeleza u‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi, ngakubo o‐Sirayeli, ngenxa yokuba benzile okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enze ububi emehlweni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova; yaye uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi nxamnye noSirayeli, ngenxa yokuba benze ububi emehlweni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aphinda amaSirayeli akreqa *kuNdikhoyo. Ngenxa yeso sizathu ke uNdikhoyo womeleza uEglon ukumkani wamaMowabhi, waqina kunawo.