Judges 3:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wabutela kuye usapo luka‐Hamoni nama‐Amaleki, waya wabeta o‐Sirayeli, basibamba isixeko semiti yepalime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabahlanganisa ndawonye oonyana baka-Amon no-Amaleki, wahamba wawaxabela amaSirayeli, wawuthimba umzi wamasundu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEglon ke wadibana nama-Amon nama-Amaleki, baza bawahlasela amaSirayeli, basithatha isiXeko samaSundu.