Judges 3:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati lwakukala usapo luka‐Sirayeli kuyehova, wandula uyehova waluvusela umsindisi, u‐Ehudi unyana ka‐Gera, um‐Benjamine, indoda elinxele: olwati usapo luka‐Sirayeli lwalituma ngesandla sake ibaso ku‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele.Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi bakubiza oonyana bakaSirayeli kuYehova, wabavelisela umsindisi, uEhudi unyana kaGera, umBhenjamin, indoda elinxele; oonyana bakaSirayeli bathumela izipho ngaye kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aphinda amaSirayeli akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi uEhudi, inxele, unyana kaGera wendlu kaBhenjamin. AmaSirayeli athumela uEhudi kukumkani uEglon waseMowabhi, emphathele umrhumo.