Judges 3:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena wabuya endaweni yemifanekiso eqingqiweyo ebingase‐Gilegale, wati: Ndinelizwi elifihlakeleyo ndilixele kuwe, kumkani! owati: Yiti tu! Bada bapuma kuye bonke ababemi ngakuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu.Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani; Baphuma kuye bonke ababemi phambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena wajika ngakwimifanekiso yezithixo ekufuphi neGiligali, wabuya waya kuEglon, wafika wathi kuye: “Mhlekazi, ndicela khe sihlinz' impuku.” Ngoko ke ukumkani wathi: “Shenxani!” Zaphuma ke izicaka zakhe.