Judges 3:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
saza sangena nesipato emva kwentsimbi; kanjalo inqata lavingcela intsimbi, (ngokuba ebengar̔olanga iṙele esiswini sake,) eyapuma pakati kwemilenze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yangena nencakuba emva kwencakuba; inqatha layigubungela intsimbi, akaba nako ukulikhupha ikrele esiswini sakhe; kwaphuma ukungcola.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yatshona yonke nywam nesiphatho sayo, yawagramza ayifihla loo mateketeke amanqatha. UEhudi wayiyeka apho, waza ke yena waya kuphuma ngasemva,