Judges 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Ehudi wasinda, nxa zisazilazila; wayedlula endaweni yemifanekiso eqingqiweyo, wasindela e‐Sehira.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEhude wasaba, besazilazila bona, wayigqitha imifanekiso eqingqiweyo, wasabela eSeirati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zathi zisathingaza izicaka zikakumkani, wesuka wemka yena uEhudi, waya kugqitha kuloo mifanekiso yezithixo, waya kutsho eSeyira.