Judges 3:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akufika, wavutela ngexilongo entabeni yakwa‐Frayime; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwehla naye entabeni, esiya yena pambi kwalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, ephambi kwabo yena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe akufika wavuthela ngesigodlo kweleentaba lakwaEfrayim, behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, wabakhokela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi akufika kweleentaba lakwaEfrayim wavuthela isigodlo, ahlangana amaSirayeli, wawakhokela wehla nawo kwezo nduli.