Judges 3:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kulo: Landelani emva kwam; ngokuba uyehova enikele intshaba zenu, ama‐Mowabi, esandleni senu. Lwasuka lwehla emva kwake, lwabamba amazibuko ase‐Yoredane ngase‐Mowabi, lungavumeli mntu awele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, abavuma ukuba kuwele mntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Behla ke, bamlandela, bawela iYordan baya kwaMowabhi, abavumela mntu ukuba awele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kuwo: “Yizani! UNdikhoyo uzinikele ezandleni zenu iintshaba zenu amaMowabhi.” Ngoko ke amaSirayeli ehla, ekhokelwa nguEhudi, aza awalalela amaMowabhi emazibukweni ayeza kuyiwela ngawo iJordan; avala ke apho, akwawela nendoda enye le.