Judges 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula ingqumbo kayehova yavuta ngakubo o‐Sirayeli, wabatengisa esandleni sika‐Kushane‐rishatayime, ukumkani we‐Mesopotami; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamkonza u‐Kushane‐rishatayime iminyaka yasibozo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram phakathi kweMilambo; bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha ke umsindo kaYehova ngoonyana bakaSirayeli, wathengisa ngabo esandleni sikaKushan-ristaima, ukumkani wakwa-Aram phakathi kweMilambo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, waza wawayekela ngokumkani uKushan-rishatayim waseAram-naharayim, wawoyisa, aba phantsi kwakhe iminyaka esibhozo.