Judges 4:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Sisera wabizela ndawonye zonke inqwelo zake, inqwelo zesincete ezingamakulu alitoba, nabo bonke abantu abanaye, bevela e‐Haroshete yabaheyideni, ngasemlanjeni we‐Kishone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, amakhulu asithoba eenqwelo zesinyithi yedwa, nabantu bonke ababenaye, bethabathela eHarosheti yeentlanga, besa emlanjeni oyiKishon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wawuqokelela umkhosi wakhe, amakhulu alithoba eenqwelo, nawo onke amadoda akhe, wawakhupha eHarosheti-hagoyim, waya nawo kumlambo iKishon.