Judges 4:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Debora wati ku‐Baraki: Suka, ngokuba yiyo le imini uyehova unikele ngayo u‐Sisera esandleni sako: uyehova akapumanga pambi kwako na? Wasuka u‐Baraki wehla entabeni ye‐Tabore, namadoda angamawaka alishumi emva kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDebhora kuBharaki, Suk ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDebhora wathi kuBharaki: “Yima! kuba le yimini uYehova aya kumnikela ngayo uSisera esandleni sakho. Akanikhokelanga na uYehova? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDibhora ke wathi kuBharaki: “Phambili! UNdikhoyo uyakukhokela. Yiyo le imini amnikele ngayo esandleni sakho uSisera.” Wehla ke uBharaki apho entabeni iTabhore, enelo shumi lamawaka amadoda.