Judges 4:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapuma u‐Yayeli ukuya kumkaulela u‐Sisera, wati kuye: Pambukela, nkosi yam! pambukela kum; ungoyiki. Waza wapambukela kuye ententeni, owamgubungela ngengubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma ke uYaheli, waya kumkhawulela uSisera, wathi kuye, Khawuze kum, nkosi yam; Musa ukuphaphazela. Uthe xa engena naye ententeni, wamgquma ngengubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJayeli waphuma wahlangabeza uSisera, waza wathi kuye: “Yiza, mhlekazi; ngena apha kwam, ungoyiki.” Wangena ke, waza uJayeli wamfihla ngaphaya komkhusane.