Judges 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yayeli, umfazi ka‐Kebere, watabata isikonkwane sentente, wapata isando esandleni sake, waya kuye kakuhle, wabetela isikonkwane entlafunweni yake, sada sangena emhlabeni: ngokuba yena wawelwa bubutongo, wacubuka. Wafa njalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni;kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, wasondela kuye, wabethelela isikhonkwane ezibondeni zakhe, wasibethelela emhlabeni, kuba wayelele ubuthongo. Ngoko wafa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USisera wasuka wee yoyi bubuthongo. Ke yena uJayeli wathatha isando nesikhonkwane sentente, wachwechwa waya kuye, wafika wabethelela isikhonkwane eso entloko kuSisera, saza saya kuphumela kwelinye icala, wafa ke uSisera.