Judges 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwakala kuyehova: ngokuba ebenenqwelo zesincete ezingamakulu alitoba; kanjako waluncinezela usapo luka‐Sirayeli ngamandla iminyaka yamashumi mabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambiza oonyana bakaSirayeli kuYehova, ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; Wabacinezela oonyana bakaSirayeli iminyaka emashumi mabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.