Judges 4:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayehleli ngapantsi kwomti wepalime ka‐Debora, pakati kwe‐Rama ne‐Betele, entabeni yakwa‐Frayime: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwenyukela kuye ekugwebeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayehlala phantsi komthi wesundu kaDebhora phakathi kweRama neBheteli kummandla weentaba wakwaEfrayim, yaye oonyana bakaSirayeli benyuka baya kuye ukuze agwebe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.