Judges 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watuma ke wambiza u‐Baraki, unyana ka‐Abinowami wase‐Kedeshe‐nefatali, wati kuye: Uyehova, utixo wo‐Sirayeli, akayalelanga na, esiti: Hamba usinge entabeni ye‐Tabore, utabate nawe amadoda angamawaka alishumi elusatsheni luka‐Nefatali naselusatsheni luka‐Zebulone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela kuBharaki, unyana ka-Abhinowam, waseKedeshe-nafetali, wathi kuye, Akawisanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Yiya entabeni yeTabhore, uthabathe ishumi lamawaka koonyana bakaNafetali, uze? nawe? Koonyana bakaZebhulon?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDibhora wathumela wabiza uBharaki unyana ka-Abhinowam eKedeshe kwaNafetali. Wathetha naye wathi: “Nanku umyalelo ophuma kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli: Qokelela ishumi lamawaka amadoda kwaNafetali nakwaZebhulon, uhambe nawo uye kwintaba iTabhore.