Judges 4:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Ndiya kuhamba nawe ngenyaniso; kodwa noko ubungewalisa abuyi kuba bobako endleleni uhamba ngayo; ngokuba uyehova eya kumtengisa u‐Sisera esandleni somfazi. Wesuka u‐Debora, waya no‐Baraki e‐Kedeshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndiya kuhamba nawe; ngokuba uYehova uya kumnikela uSisera esandleni somfazi. Wagqiba uDebhora, wahamba noBharaki ukuya eKedeshe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena wathi: “Ewe, ukuhamba oku ndiya kuhamba, kodwa ke uze wazi ukuba udumo lwale mfazwe aluyi kuza kuwe, kuba uNdikhoyo uya kumnikela emfazini uSisera lowo.” Ngoko ke uDibhora waya eKedeshe ehamba noBharaki.