Judges 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yelizwi labawabayo amaxoba pakati kwendawo zokukelela; kwa lapo baya kudumisa izenzo ezilungileyo zikayehova, izenzo ezilungileyo zokupata kwake kwa‐Sirayeli: baya kwandula ukuhla abantu bakayehova baye emasangweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kude nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi, Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa, Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli; Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abo basindisiweyo kwisandi sabo badubula ngesaphetha kwiindawo zemithombo yamanzi, apho baya kuva izenzo zobulungisa zikaYehova, izenzo zobulungisa azenzayo kubemi bezixeko zakhe zakwaSirayeli, ke abantu bakaYehova baya kuhla baye emasangweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni! Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo: uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli. Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha, benjenjeya ukuya emasangweni.