Judges 5:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa‐Frayime, abakuhlala kusema‐Amalekini; emva kwako, u‐Benjamine pakati kwabantu bako; kwa‐Makire behla abongama, nakwa‐Zebulone abapete intonga yomba̔li.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki, Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu; Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho, KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
KwaEfrayim ingcambu yabo yaba ngama-Amaleki; emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwabantu bakowenu; kwaMagire kwaphuma abathetheli, kwaZebhulon abo baphethe usiba lombhali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphuma kwaEfrayim baya kutsho entilini, ezinyaweni zabo inguBhenjamin namawabo; iingqwayi-ngqwayi zeza ziphuma kwaMakire, zona izithwala-ndwe zivela kwaZebhulon.