Judges 5:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kweza okumkani, balwa; bandula balwa okumkani base‐Kanane e‐Tahanaki ngasemanzini ase‐Megido: inzuzo yemali abayitabatanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwafika ookumkani, balwa, Baza ookumkani bakwaKanan balwa ETahanaki, ngasemanzini aseMegido; Abathimba neqhosha lesilivere.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ookumkani beza balwa, yaye emva koko ookumkani bakwaKanan balwa eTahanaki emanzini aseMegido; abazange bafumane mali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ETanaki ngakwintlambo yeMegido, ookumkani bahlangana khona bangquzulana; ewe, izikumkani zamaKanana zalwa, kodwa akukho ntimbo yasiliva zayifumanayo.