Judges 5:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abafumananga na? abawabelanga na amaxoba? intombi, intombi mbini kwindoda ngendoda; amaxoba engubo ezinamabala ngamabala kuye u‐Sisera, amaxoba engubo ezinamabala ngamabala zitungiwe, ingubo ezinamabala ngamabala zitungiwe amacala omabini, ezifanele intamo zabatimbi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abafumene na? Ababi amaxhoba na? Yintombi, ziintombi ngambini kwintloko yendoda? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele kuSisera? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele, eengubo ezilukwe zamfakamfele? Yingubo emfakamfele, ziingubo ezimbini ezilukwe zamfakamfele ezintanyeni zamaxhoba?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abakhawulezanga na? abahlulanga amaxhoba; kwindoda yonke intombazana, nokuba ngambini; Neengubo ezimfakamfele kuSisera, ezimfakamfele, ezimfakamfele, ezimfakamfele kumacala omabini, neentamo zabathinjwa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayi, mhlawumbi baxakeke kukwab' amaxhoba: Imbelukazi, hayi, zimbini kwijoni ngalinye; kuSisera lilaph' elitofo-tofo elimabala-bala, elenkosazana liqhwaqhwalal' eliqhoqhonyiweyo.”